11 Uya kuthi, Ndiya kunyuka ndiye ezweni lamaphandle; ndiya kubafikela abazolileyo, abahleli bekholosile bonke bephela, abahleli bengenazindonga, bengenamivalo nazingcango;
12 ukuba uthimbe, uhlasele amaxhoba, usibuyisele isandla sakho kumanxuwa amiweyo, nakubantu abahlanganisiweyo ezintlangeni, bezuze imfuyo nempahla, abahleli esazulwini somhlaba.
13 OoShebha noDedan, nabarhwebi baseTarshishe, neengonyama ezintsha zabo zonke, baya kuthi kuwe, Uzé kuthimba na, ukuba lihlasele amaxhoba na ibandla lakho olibizele ndawonye? ukuba limke negolide nesilivere, lithabathe imfuyo nempahla, lithimbe kakhulu na?
14 Ngako oko profeta, nyana womntu, uthi kuGogi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Akuyi kuba njalo na ngaloo mini, ekuhlaleni kwabantu bam amaSirayeli bekholosile, ùya kuyazi loo nto?
15 Uya kuphuma endaweni yakho, ezingontsini zasentla, wena nezizwe ezininzi ezinawe, bekhwele emahasheni bonke bephela, ibandla elikhulu, impi eninzi;
16 unyùke ubafikele bantu bam amaSirayeli njengelifu, ukuba ulisibekele ilizwe. Ekupheleni kwemihla kuya kubakho oko, ndikuse, ulifikele ilizwe lam, ukuze iintlanga zindazi, ekuzingcwaliseni kwam kuwe emehlweni azo, Gogi.
17 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nguwe na lowa, ndandithetha yena ngeemini zamandulo ngomlomo wabakhonzi bam, abaprofeti bakwaSirayeli, ababeprofeta iminyaka kwezo mini ngelithi, ndokuzisa phezu kwabo?