8 Yabona, le nto iyeza, iya kubakho; itsho iNkosi uYehova; yiloo mini ndandithetha yona.
9 Ke baya kuphuma abemi bemizi yakwaSirayeli, baphembe babáse umlilo ngezikrweqe, nangeengweletshetshe, nangamakhaka, ngezaphetha, nangeentolo, nangeenduku, nangezikhali; baphembe umlilo ngazo iminyaka esixhenxe.
10 Abayi kutheza zinkuni endle, bangagawuli nasemahlathini; ngokuba baya kuwuphemba ngezikrweqe umlilo; bathìmbe kwabo babethinjwe ngabo, baphange ababephangwe ngabo; itsho iNkosi uYehova.
11 Kuya kuthi ngaloo mini, ndimnike uGogi indawo, apho liya kuba khona ingcwaba lakhe kwaSirayeli, umfula wabadluli ngasempumalanga elwandle; ùbavalele abadluli; bamngcwabele khona uGogi nengxokolo yakhe yonke, bathi ngumfula wengxokolo kaGogi.
12 Indlu kaSirayeli yoba neenyanga ezisixhenxe ibangcwaba, ukuze balihlambulule ilizwe;
13 bonke abantu belizwe eli bangcwabe, kube ludumo kubo mini ndizizukisayo; itsho iNkosi uYehova.
14 Baya kubalula amadoda anomonde acandacanda elizweni, nahamba nalawo acandacandayo, angcwabe abaseleyo ebusweni belizwe, ukuba alihlambulule. Ekupheleni kweenyanga ezisixhenxe aya kuligocagoca.