3 Wena ke, thabatha ipani yesinyithi, uyimise ibe ludonga lwesinyithi phakathi kwakho nomzi lowo; ububhekise ubuso bakho kuwo, ube selungqingweni wona, uwungqinge wena. Ngumqondiso lo kwindlu kaSirayeli.
4 Wena ke, lala ngecala lakho lasekhohlo, ububeke ubugwenxa bendlu kaSirayeli phezu kwalo: ngangenani leentsuku oya kulala ngalo, ùya kubuthwala ubugwenxa babo.
5 Kuba iminyaka yobugwenxa babo ndiyenza ukuba kuwe ibe ngangenani leentsuku, iintsuku ezimakhulu mathathu anamanci asithoba; ùya kubuthwala ubugwenxa bendlu kaSirayeli.
6 Ùya kuthi, wakuba uzifezile ezo, ulale okwesibini ngecala lakho lasekunene, ubuthwale ubugwenxa bendlu kaYuda iintsuku ezimashumi mané; ndikwenzela usuku lube ngumnyaka, usuku lube ngumnyaka.
7 Ùze ke ububhekise ubuso bakho elungqingweni lweYerusalem, ingalo yakho íhlutyiwe, uprofetele kayo.
8 Yabona, ndikufaka izintya, ukuze ungaguqukeli kwelinye icala, ude uzigqibe iintsuku zokungqinga kwakho.
9 Wena ke, thabatha ingqolowa, nerhasi, neembotyi, neentlumayo, namazimba, nespelete,* uzigalele ezo zinto sityeni sinye, uzenzele wena isonka; ngokwenani leentsuku olala ngecala lakho, uya kusidla iintsuku ezimakhulu mathathu anamanci asithoba.