17 Xa sithe sampha omnye kubakhonzi baso isipho elifeni laso, soba sesalowo, kude kuse kumnyaka wenkululeko, sibuyele kwisikhulu; ilifa laso loba leloonyana baso bodwa.
18 Isikhulu eso asiyi kuthabatha elifeni labantu, ukuze sibaxinzelele phantsi, bahlukane nenzuzo yabo. Sobadlisa oonyana baso ilifa kweyeyaso inzuzo; ukuze bangabi lusali abantu bam, elowo ahlukane nenzuzo yakhe.
19 Ekungeneni ngasecaleni lesango, wandisa emagumbini angcwele ababingeleli, akhangele ngentla; nanko, kukho indawo khona esiphelweni, ngasentshonalanga.
20 Wathi kum, Le yindawo apho ababingeleli bophekela khona idini letyala, nedini lesono. Bosela khona umnikelo wokudla, ukuze bangaphumi nawo, baye entendelezweni engaphandle, ukuba bangcwalise abantu.
21 Waphuma waya nam entendelezweni engaphandle, wandidlulisa emagumbini omané entendelezo; nanko, kukho intendelezo emagumbini onke entendelezo, iyintendelezo egumbini lentendelezo.
22 Emagumbini omané ayo intendelezo ibe izintendelezo ezivaliweyo: ubude buziikubhite* ezimashumi mané, ububanzi buziikubhite ezimashumi mathathu, umlinganiso úmnye kuloo magumbi omané.
23 Bekukho ucamba lwezakhiwo olujikelezileyo kuzo, lujikelezile kuzo zoné; kukho amaziko okupheka, enziwe ngaphantsi kweengcamba ngeenxa zonke.