20 Wathi kum, Le yindawo apho ababingeleli bophekela khona idini letyala, nedini lesono. Bosela khona umnikelo wokudla, ukuze bangaphumi nawo, baye entendelezweni engaphandle, ukuba bangcwalise abantu.
21 Waphuma waya nam entendelezweni engaphandle, wandidlulisa emagumbini omané entendelezo; nanko, kukho intendelezo emagumbini onke entendelezo, iyintendelezo egumbini lentendelezo.
22 Emagumbini omané ayo intendelezo ibe izintendelezo ezivaliweyo: ubude buziikubhite* ezimashumi mané, ububanzi buziikubhite ezimashumi mathathu, umlinganiso úmnye kuloo magumbi omané.
23 Bekukho ucamba lwezakhiwo olujikelezileyo kuzo, lujikelezile kuzo zoné; kukho amaziko okupheka, enziwe ngaphantsi kweengcamba ngeenxa zonke.
24 Wathi kum, Ezi zizindlu zokupheka, apho abalungiseleli bayo indlu baphekela khona umbingelelo wabantu.