1 Ke kaloku kwathi ngomnyaka wesithandathu, ngenyanga yesithandathu, ngolwesihlanu enyangeni leyo, ndíhleli endlwini yam, namadoda amakhulu akwaYuda ehleli phambi kwam, sawa phezu kwam khona isandla seNkosi uYehova.
2 Ndabona, nantso into efana nendoda ukubonakala kwayo; kuthabathele esinqeni sayo kwehlisa, kubonakala ingumlilo; kuthabathele esinqeni sayo kunyuse, ngathi kukubonakala kokukhazimla, ngathi yimbonakalo yegolide evuthiweyo.
3 Wolula into emilise okwesandla, wandibamba ngesihlwitha sentloko yam; umoya wandifunqula ndaba phakathi komhlaba nezulu. Wandisa eYerusalem ngemibono kaThixo, ekungeneni kwesango lentendelezo ephakathi, elibheke ngasentla, apho bekuhleli khona umfanekiso wobukhwele okhweletisayo.
4 Nabo ke bukhona ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli, bunjengombono endawubonayo entilini leyo.
5 Wathi kum, Nyana womntu, khawuphakamise amehlo akho, ukhangele ngasentla. Ndawaphakamisa ke amehlo am, ndakhangela ngasentla: nanko ngasentla kwesango lesibingelelo kukho loo mfanekiso wobukhwele usekungeneni kwalo.