1 Sirayeli, buya, uze kuYehova, uThixo wakho; ngokuba ùkhubekile ngobugwenxa bakho.
2 Thabathani niphathe amazwi, nibuyele kuYehova; yithini kuye, Síxolele bonke ubugwenxa, wamkèle izinto zethu ezilungileyo, ukuze sinikele iinkunzi zeenkomo ezintsha, imibulelo yomlomo wethu.
3 UAsiriya akayi kusisindisa, asiyi kukhwela emahasheni, asiyi kuba sathi kumsebenzi wezandla zethu, Thixo wethu; kuba kuwe inkedama ifumana imfesane.
4 Ndiya kukuphilisa ukubuya kwabo umva, ndiya kubathanda ngesisa; ngokuba umsindo wam ubuyile kuye.
5 Ndiya kuba njengombethe kuSirayeli; úya kutyatyamba njengenyibiba, endelisele iingcambu zakhe njengeLebhanon.