7 Bonke bephela bashushu njengeziko lezonka, bayabadla abagwebi babo; bonke ookumkani babo bawile; akukho namnye kubo undinqulayo.
8 UEfrayim yena uzekazekana nezizwe; uEfrayim uliqebengwana lesonka elingaguqulwanga.
9 Abasemzini bawadlile amandla akhe, ukanti yena akazi; nezimvi zithe saa kuye, noko akazi yena.
10 Iqhayiya likaSirayeli liyangqina ebusweni bakhe; noko àbabuyeli kuYehova uThixo wabo, àbamfuni kuko konke oku.
11 UEfrayim unjengevukuthu elimathileyo, elingenantliziyo; babiza iYiputa, baya eAsiriya.
12 Ndothi, bakubon' ukuba bayaya, ndiwutwabulule phezu kwabo umnatha wam, ndibathobe njengeentaka zezulu; ndiya kubathethisa ngokweendaba endazivakalisayo ebandleni labo.
13 Yeha ke bona! kuba babalekile kum. Yimbubho kubo! kuba bakreqile kum. Mna ngendibakhulule, basuka bona bathetha amanga ngam.