4 Kwafika ke ilizwi likaYehova kum, lisithi,
5 Ndingekakubumbi esizalweni, bendikwazi; ungekaphumi embilinini, ndakungcwalisa, ndakumisa waba ngumprofeti weentlanga.
6 Ndathi mna, Kwowu, Nkosi Yehova, yabona, andikwazi ukuthetha, ngokuba ndingumntwana.
7 Wathi uYehova kum, Musa ukuthi, Ndingumntwana: ke ùya kuya kubo bonke endikuthuma kubo; konke endikuwisela umthetho ngako, uze ukuthethe.
8 Uze ungaboyiki, ngokuba ndinawe ukuba ndikuhlangule; utsho uYehova.
9 Wasolula uYehova isandla sakhe, wachukumisa umlomo wam; wathi ke uYehova kum, Yabona, ndibeke amazwi am emlonyeni wakho.
10 Khangela, ndikwenza namhla umveleli weentlanga nezikumkani, ukuba unyothule, udilize, utshabalalise, ugungxule; ukuba wakhe, utyale.