11 Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndibazisela ububi abangayi kuba nako ukuphuma kubo; bakhàle kum, ndingabaphulaphuli.
12 Iya kuhamba ke imizi yakwaYuda nabemi baseYerusalem, bakhale koothixo abaqhumisela kubo, bangàbasindisi nokubasindisa ngexesha lobubi babo.
13 Ngokuba ngangenani lemizi yakho, baba ngako oothixo bakaYuda; ngangenani lezitrato zaseYerusalem, zaba ngako izibingelelo enazimisela into elisikizi, izibingelelo zokuqhumisela kuBhahali.*
14 Wena ke musa ukubathandazela aba bantu, ungaphimiseli kuhlahlamba nakuthandaza ngenxa yabo; ngokuba andiyi kuva ngexesha lokukhala kwabo kum, ngenxa yobubi babo.
15 Ifuna ntoni intánda yam endlwini yam, isenza amayelenqe nje? Izibhambathiso nenyama engcwele zobususa na ububi bakho kuwe? Ùbungandula udlamke.
16 UYehova wakubiza ngegama lokuba ungumnquma oluhlaza, oyimpuluswa, osiqhamo sihle; wafaka isikhuni kuwo, kúkho isandi sengxabatshitshi enkulu, aviveka amasebe awo.
17 Ke uYehova wemikhosi, owakutyaláyo, uthethé okubi ngawe, ngenxa yezinto ezimbi zendlu kaSirayeli nezendlu kaYuda, abazenzeleyo ukuze bandiqumbise ngokuqhumisela uBhahali.