9 UYehova wathi kum, Kufunyenwe iyelenqe phakathi kwamadoda akwaYuda, naphakathi kwabemi baseYerusalem.
10 Babuyéle kuzo izenzo ezigwenxa zooyise bamandulo, ababengavumi ukuweva amazwi am; ábasuka bona balandela thixo bambi ukuze babakhonze; indlu kaSirayeli nendlu kaYuda zawaphula umnqophiso wam endawenza nooyise.
11 Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndibazisela ububi abangayi kuba nako ukuphuma kubo; bakhàle kum, ndingabaphulaphuli.
12 Iya kuhamba ke imizi yakwaYuda nabemi baseYerusalem, bakhale koothixo abaqhumisela kubo, bangàbasindisi nokubasindisa ngexesha lobubi babo.
13 Ngokuba ngangenani lemizi yakho, baba ngako oothixo bakaYuda; ngangenani lezitrato zaseYerusalem, zaba ngako izibingelelo enazimisela into elisikizi, izibingelelo zokuqhumisela kuBhahali.*
14 Wena ke musa ukubathandazela aba bantu, ungaphimiseli kuhlahlamba nakuthandaza ngenxa yabo; ngokuba andiyi kuva ngexesha lokukhala kwabo kum, ngenxa yobubi babo.
15 Ifuna ntoni intánda yam endlwini yam, isenza amayelenqe nje? Izibhambathiso nenyama engcwele zobususa na ububi bakho kuwe? Ùbungandula udlamke.