17 Andihlalanga embuthweni yabahleki, andidlamkanga nokudlamka; ngenxa yesandla sakho ndahlala ndedwa; ngokuba undizalisile ngokubhavuma.
18 Yini na ukuba umvandedwa wam uhlale uhleli, nenxeba lam libulale, lingavumi ukuphola? Wòhla ube ngumlambo okholisayo na kum, omanzi angahlaliyo na?
19 Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Ukuba uthe wabuya, ndokubuyisa, ubuye ume phambi kwam; ukuba uthe wakhupha okunqabileyo kokungení, woba njengomlomo wam; abo baya kubuyela kuwe; ke wena akuyi kubuyela kubo.
20 Ndiya kukwenza udonga lobhedu olunqatyisiweyo kwaba bantu, balwe nawe, bangabi nakukuthini; ngokuba ndinawe, ukuze ndikusindise mna, ndikuhlangule; utsho uYehova.
21 Ndiya kukuhlangula esandleni sabangendawo, ndikukhulule ekubambeni kwabangcangcazelisayo.