16 Yabonani, ndithumela ababambisi beentlanzi abaninzi, beze bababambise, utsho uYehova; emveni koko ndithumèle abazingeli abaninzi, beze babazingele, baphume nabo ezintabeni zonke, nasezindulini zonke, nasezimfanteni zeengxondorha.
17 Ngokuba amehlo am akuzo zonke iindlela zabo, àzisithele kum; àbufihlakèle ubugwenxa babo phambi kwamehlo am.
18 Kuqala, ndobuvuza kabini ubugwenxa babo nesono sabo ngenxa yokulihlambela kwabo ilizwe lam ngezidumbu zezinto zabo ezinezothe, belizalisa ilifa lam ngamasikizi abo.
19 Yehova, mandla am, nqaba yam, ndawo yokusabela kwam ngomhla wembandezelo, ziya kuza kuwe iintlanga, zivela eziphelweni zehlabathi, zithi, Oobawo bádla ilifa lobuxoki bodwa, amampunge la, ekungekho nto inokunceda phakathi kwawo.
20 Umntu uya kuzenzela oothixo yini na, bengengabo oothixo?
21 Ngako oko, yabona, ndiyabazísa ngesi sihlandlo, ndibazíse isandla sam nobugorha bam, bazi ukuba igama lam linguYehova.