12 Wena trone yobuqaqawuli, mongamo kwasekuqaleni, ndawo yengcwele yethu;
13 themba likaSirayeli, Yehova, bonke abakushiyayo baya kudana. Abatyekayo kum baya kubhalelwa emhlabeni, ngokuba belishiyile ithende lamanzi aphilileyo, uYehova.
14 Ndíphilise, Yehova, ndiphile; ndísindise, ndisinde; ngokuba indumiso yam nguwe.
15 Yabona, bathi, Liphi na ilizwi likaYehova? malize kalokunje.
16 Mna andikubalekelanga ukuba ngumalusi emva kwakho; andiwunqwenelanga umhla onesifo, wena uyazi; okuphume emlonyeni wam bekuphambi kobuso bakho.
17 Musa ukundiqhiphula umbilini; ùlihlathi lam ngomhla wobubi.
18 Mabadane abandisukelayo, mandingadani mna; mabaqhiphuke umbilini bona, mandingaqhiphuki umbilini mna; bàzisele imini yobubi, ubaphule ngolwaphulo olubini.