14 Ndíphilise, Yehova, ndiphile; ndísindise, ndisinde; ngokuba indumiso yam nguwe.
15 Yabona, bathi, Liphi na ilizwi likaYehova? malize kalokunje.
16 Mna andikubalekelanga ukuba ngumalusi emva kwakho; andiwunqwenelanga umhla onesifo, wena uyazi; okuphume emlonyeni wam bekuphambi kobuso bakho.
17 Musa ukundiqhiphula umbilini; ùlihlathi lam ngomhla wobubi.
18 Mabadane abandisukelayo, mandingadani mna; mabaqhiphuke umbilini bona, mandingaqhiphuki umbilini mna; bàzisele imini yobubi, ubaphule ngolwaphulo olubini.
19 UYehova watsho kum ukuthi, Hamba uye kuma esangweni loonyana babantu, abangena ngalo ookumkani bakwaYuda, abaphuma ngalo, nasemasangweni onke aseYerusalem;
20 uthi kubo, Liveni ilizwi likaYehova, nina kumkani bakwaYuda, nani maYuda nonke, nani bemi bonke baseYerusalem, bangenayo ngala masango.