17 Musa ukundiqhiphula umbilini; ùlihlathi lam ngomhla wobubi.
18 Mabadane abandisukelayo, mandingadani mna; mabaqhiphuke umbilini bona, mandingaqhiphuki umbilini mna; bàzisele imini yobubi, ubaphule ngolwaphulo olubini.
19 UYehova watsho kum ukuthi, Hamba uye kuma esangweni loonyana babantu, abangena ngalo ookumkani bakwaYuda, abaphuma ngalo, nasemasangweni onke aseYerusalem;
20 uthi kubo, Liveni ilizwi likaYehova, nina kumkani bakwaYuda, nani maYuda nonke, nani bemi bonke baseYerusalem, bangenayo ngala masango.
21 Utsho uYehova ukuthi, Zigcineni ngenxa yemiphefumlo yenu, ningà thwali mthwalo ngomhla wesabatha, niwungenise ngamasango aseYerusalem;
22 ningaphumi nomthwalo ezindlwini zenu ngomhla wesabatha, ningenzi nalinye ishishini. Wungcwaliseni umhla wesabatha, njengoko ndabawiselayo umthetho ooyihla.
23 Ke abevanga, abazithobanga iindlebe zabo, bayenza lukhuni intamo yabo, ukuze bangevi, ukuze bangavumi ntethiso.