5 Bamakhela uBhahali* izigánga, ukuze babatshise oonyana babo ngomlilo, babe ngamadini anyukayo kuBhahali, into endingabawiselanga mthetho ngayo, endingayithethanga, engathanga qatha entliziyweni yam.
6 Ngako oko uyabona, iyeza imihla, utsho uYehova, engasayi kuba sabizwa le ndawo ngokuthi yiTofete,* nomfula wakwaBhen-hinom; kuya kuthiwa nguMfula wokuBulala.
7 Ndiya kulithululela iqhinga lakwaYuda neYerusalem kule ndawo, ndibawise ngekrele phambi kweentshaba zabo, nangezandla zabawufunayo umphefumlo wabo, ndizinikele izidumbu zabo zibe kukudla ezintakeni zezulu nasezilweni zomhlaba.
8 Ndiya kuwenza lo mzi ube ngummangaliso nomsondlo; bonke abagqitha kuwo bomangaliswa, benzé umsondlo ngazo izibetho zawo zonke.
9 Ndiya kubadlisa inyama yoonyana babo nenyama yeentombi zabo, elowo adle inyama yowabo, ekungqingweni nasekucuthweni, eziya kubacutha ngako iintshaba zabo, nabawufunayo umphefumlo wabo.
10 Uze ke uyiqhekeze ingqayi emehlweni amadoda ahamba nawe, uthi kuwo,
11 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndiya kwenjenje ukubaqhekeza aba bantu nalo mzi, njengokuqhekezwa kwezitya zombumbi, ezingasenakubuya zingcitywe; babangcwàbele eTofete, ngokungabikho ndawo yakungcwaba.