1 Ke kaloku, uPashure unyana kaImere, umbingeleli, lowo ke ubengumveleli oyingànga endlwini kaYehova, weva uYeremiya eprofeta la mazwi.
2 UPashure wambetha uYeremiya umprofeti, wamfaka esitokisini* esisesangweni lasentla lakwaBhenjamin, elisendlwini kaYehova.
3 Kwathi ngengomso, uPashure wamkhupha uYeremiya esitokisini.Wathi uYeremiya kuye, UYehova àkathi linguPashure igama lakho; úthi linguNxunguphala-ngeenxa-zonke.
4 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndikwenza ukuba uzinxunguphalise wena ngokwakho, nabo bonke abakuthandayo; bawe likrele leentshaba zabo, abone amehlo akho, ndiwanikèle onke amaYuda esandleni sokumkani waseBhabhedi, abafudusele eBhabheli, ababulale ngekrele.
5 Ndoyinikela yonke ingqwebo yalo mzi, nongeniselo lwawo lonke, neento zawo zonke ezinqabileyo; nobuncwane bonke bookumkani bakwaYuda ndibunìkele ezandleni zeentshaba zabo, zibuphange, zibuthabathe, zibuse eBhabheli.