12 Wena ke, Yehova wemikhosi, ulicikidayo ilungisa, uzibonayo izintso nentliziyo, mandiyibone impindezelo yakho kubo; ngokuba ndikutyhílele ubambano lwam.
13 Vumani kuYehova, mdumiseni uYehova, ngokuba ewuhlangule umphefumlo wehlwempu esandleni sabenzi bobubi.
14 Mawuqalekiswe umhla endazalwa ngawo; umhla awandizala ngawo uma mawungasikeleleki.
15 Mayiqalekiswe indoda, eyamshumayeza ubawo udaba lokuthi, Ùzalelwe umntwana oyinkwenkwe; yamvuyisa kakhulu.
16 Loo ndoda mayibe njengemizi awayibhukuqayo uYehova, akazohlwaya; mayive ukukhala kusasa, ive kuhlatywa umkhosi emini enkulu;
17 ngokuba ingandibulalanga kwasesizalweni, waza waba lingcwaba lam uma, isizalo sakhe sahlala sindimithi.
18 Ibiyini na ukuba ndiphume esizalweni, ukuze ndibone ukwaphuka nesingqala, iphele imihla yam kukudana?