2 awalithethayo uYeremiya umprofeti kubantu bonke bakwaYuda, nakubemi bonke baseYerusalem, esithi,
3 Kuthabathela kumnyaka weshumi elinesithathu kaYosiya unyana ka-Amon, ukumkani wakwaYuda, kuzise kule mini, le minyaka imashumi mabini anamithathu, bekufika ilizwi likaYehova kum; bendithetha kuni, ndivuka kwakusasa ndithethe; anivanga noko.
4 UYehova wathumela kuni bonke abakhonzi bakhe abaprofeti, ebathuma evuka kwakusasa; aniphulaphulanga noko, anizithobanga iindlebe zenu ukuba nive.
5 Baye besithi, Khanibuye elowo endleleni yakhe embi, nasebubini beentlondi zenu; nòhlala emhlabeni awaninikayo uYehova, nina nooyihlo, ngonaphakade kanaphakade;
6 ningalandeli thixo bambi, ningabakhonzi, ningaqubudi kubo, ningandiqumbisi ngezenzo zezandla zenu, ukuze ndingenzi nto imbi kuni.
7 Aniphulaphulanga kum, utsho uYehova; ukuze nindiqumbise ngezenzo zezandla zenu, kuze kube kubi kuni.
8 Ngako oko utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ngenxa enokuba ningawevanga amazwi am, yabonani,