30 Ke wena uze ubaprofetele loo mazwi onke, uthi kubo, UYehova uya kubharhula phezulu, alikhuphe ilizwi lakhe ekhayeni lakhe eliyingcwele; úya kubharhula alibharhulele ikriwa lakhe; uya kubahlabela amayeyeye, njengabaxovuli beediliya, bonke abemi behlabathi.
31 Ingxolo iya kufika esiphelweni sehlabathi, ngokuba uYehova ubambene neentlanga; uya kugweba phakathi kwenyama yonke; abangendawo ubanikela ekreleni; utsho uYehova.
32 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ububi buya kuphuma eluhlangeni, buye eluhlangeni, umoya omkhulu ovuthuzayo uvuke esinqeni sehlabathi.
33 Ababuleweyo nguYehova ngaloo mini, bathabathele ekupheleni kwehlabathi, bese ekupheleni kwehlabathi, bangambanjazelelwa, bangàhlanganiswa, bangàngcwatywa; baya kuba ngumgquba phezu komhlaba.
34 Bhombolozani, balusi, nikhale; nizigalele ngothuthu, zingangamsha zomhlambi; ngokuba izalisekile imihla yenu yokuba nisikwe. Ndiya kuniphangalalisa, niwe njengesitya esinqwenelekayo;
35 iphele intsabo kubalusi, nokusinda kwiingangamsha zomhlambi.
36 Yivani ukukhala kwabalusi, nokubhomboloza kweengangamsha zomhlambi; ngokuba uYehova uyalibhuqa idlelo labo.