2 Utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Wabhale encwadini onke amazwi endiwathethileyo kuwe;
3 ngokuba, uyabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli namaYuda, utsho uYehova; ndibabuyìsele ezweni endalinika ooyise, ukuba balìme.
4 Ngawo la ke amazwi, awawathethayo uYehova ngokusingisele kumaSirayeli, nakumaYuda.
5 Utshilo ke uYehova ukuthi, Sìvé izwi eligubhisayo; lelinkwantyisayo, asililo eloxolo.
6 Khanibuzise nikhangele, ukuba indoda yakha yamitha na? Yini na ukuba ndibone abafo bonke, izandla zabo zisemanqeni abo njengomfazi ozalayo, ubuso bonke busuke baluthuthu?
7 Athi ke ukuba mkhulu loo mhla! Akukho unjengawo; lixesha lembandezelo kuYakobi; ke úya kusindiswa kuyo.
8 Kothi ke ngaloo mhla, utsho uYehova wemikhosi, ndiyaphule idyokhwe yakhe entanyeni yakho, ndiziqhawule izitropu zakho, bangabi samkhonzisa abasemzini;