4 angàsindi esandleni samaKaledi uZedekiya ukumkani wakwaYuda; úya kunikelwa okunene esandleni sokumkani waseBhabheli; umlomo wakhe uthèthe nomlomo wakhe, amehlo akhe abone amehlo akhe;
5 amse uZedekiya eBhabheli, abe khona ndide ndimvelele, utsho uYehova; xa nithe nalwa namaKaledi, aniyi kuba nampumelelo.
6 Wathi uYeremiya, Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
7 Yabona, uHanameli, unyana kaShalum uyihlokazi, uza kuwe, esithi, Yithenge intsimi yam eseAnatoti; ngokuba kulunge nawe ukuyithenga uyikhulule ngentlawulelo.
8 Weza ke kum entendelezweni yentolongo uHanameli, unyana kabawokazi, ngokwelizwi likaYehova, wathi kum, Khawuyithenge intsimi yam eseAnatoti, esezweni lakwaBhenjamin; ngokuba lilunge nawe ilifa, kokwakho ukuyikhulula ngokumisela; zithengele. Ndazi ke ukuba lilizwi likaYehova elo.
9 Ndayithenga ke intsimi kuHanameli, unyana kabawokazi, eseAnatoti, ndamlinganisela imali leyo, iishekele* ezilishumi zesilivere ezineeshekele ezisixhenxe.
10 Ndakúbhala ke encwadini, ndayitywina, ndangqinisa amangqina, ndayilinganisela imali ngesikali.*