16 Inene, oonyana bakaYonadabhi unyana kaRekabhi bawugcinile umthetho kayise, awabawiselayo; ke bona aba bantu abandiphulaphuli.
17 Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiwazisela amaYuda nabemi bonke baseYerusalem bonke obu bubi ndathethayo ngabo; ngenxa yokuba ndathetha kubo, àbeva; ndababiza, àbasabela.
18 UYeremiya wathi kwindlu yamaRekabhi, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa enokuba niwuphulaphule umthetho kaYonadabhi uyihlo, nayigcina yonke imithetho yakhe, nenza ngako konke awaniwisela umthetho ngako;
19 ngako oko utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, UYonadabhi, unyana kaRekabhi, akayi kunqunyukelwa ndoda yakuma phambi kwam yonke imihla.