14 Bonke abathetheli bathumela kuBharuki uYehudi unyana kaNetaniya, unyana kaShelemiya, unyana kaKushi, besithi, Incwadi esongwayo leyo ulesé kuyo ezindlebeni zabantu, yiphathe ngesandla sakho, uze. UBharuki unyana kaNeriya wayiphatha ke incwadi esongwayo ngesandla sakhe, weza kubo.
15 Bathi kuye, Khawuhlale phantsi, uyilese ezindlebeni zethu. Wayilesa ke uBharuki ezindlebeni zabo.
16 Kwathi, bakuweva onke loo mazwi, bankwantya, elowo ebheka kowabo; bathi kuBharuki, Simelwe kukumxelela ukumkani onke la mazwi.
17 Bambuza uBharuki, besithi, Khawusixelele, ùtheni na ukuwabhala onke la mazwi ephuma emlonyeni wakhe?
18 Wathi uBharuki kubo, Wawathetha kum onke la mazwi aphuma emlonyeni wakhe, ndawabhala encwadini le ngeinki.
19 Bathi abathetheli kuBharuki, Hamba uye kuzímela, wena noYeremiya, kungàzi mntu apho nikhona.
20 Bangena ke kukumkani entendelezweni, beyibeke incwadi esongwayo egumbini likaElishama umbhali, bawaxela ezindlebeni zokumkani onke amazwi lawo.