19 Bathi abathetheli kuBharuki, Hamba uye kuzímela, wena noYeremiya, kungàzi mntu apho nikhona.
20 Bangena ke kukumkani entendelezweni, beyibeke incwadi esongwayo egumbini likaElishama umbhali, bawaxela ezindlebeni zokumkani onke amazwi lawo.
21 Ukumkani wathuma uYehudi, ukuba ayithabathe incwadi esongwayo; wayithabatha ke egumbini likaElishama umbhali. UYehudi wayilesa ezindlebeni zokumkani, nasezindlebeni zabathetheli bonke abamele ngakukumkani.
22 Ke kaloku ukumkani wayehleli endlwini yasebusika ngenyanga yesithoba, kubasiwe elukhambeni phambi kwakhe.
23 Kwathi, xa uYehudi abelesé imiqolo emithathu nokuba miné, wayiqwenga ukumkani ngesitshetshe sombhali, wayiphosa emlilweni obuselukhambeni, yada yatsha yagqibela yonke incwadi esongwayo, emlilweni obuselukhambeni.
24 Àbankwantyanga, àbazikrazulanga iingubo zabo ukumkani nabakhonzi bakhe, ababeweva loo mazwi onke.
25 Noko ke bambongozayo ukumkani ooElinatan noDelaya noGemariya, ukuba angayitshisi incwadi esongwayo, àkabaphulaphula.