22 Ke kaloku ukumkani wayehleli endlwini yasebusika ngenyanga yesithoba, kubasiwe elukhambeni phambi kwakhe.
23 Kwathi, xa uYehudi abelesé imiqolo emithathu nokuba miné, wayiqwenga ukumkani ngesitshetshe sombhali, wayiphosa emlilweni obuselukhambeni, yada yatsha yagqibela yonke incwadi esongwayo, emlilweni obuselukhambeni.
24 Àbankwantyanga, àbazikrazulanga iingubo zabo ukumkani nabakhonzi bakhe, ababeweva loo mazwi onke.
25 Noko ke bambongozayo ukumkani ooElinatan noDelaya noGemariya, ukuba angayitshisi incwadi esongwayo, àkabaphulaphula.
26 Ukumkani wabawisela umthetho ooYerameli unyana kakumkani, noSeraya unyana ka-Azeriyeli, noShelemiya unyana ka-Abhedeli, ukuba bambambe uBharuki umbhali noYeremiya umprofeti; uYehova wabazimeza.
27 Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, emveni kokuba ukumkani abeyitshisile incwadi esongwayo, namazwi abewabhalile uBharuki, ephuma emlonyeni kaYeremiya, lisithi,
28 Buya, uthabathe enye incwadi esongwayo, ubhale kuyo onke amazwi okuqala, abesencwadini esongwayo yokuqala, awayithisayo uYehoyakim ukumkani wakwaYuda.