4 UYeremiya wabiza uBharuki unyana kaNeriya, wawabhala encwadini esongwayo uBharuki, ephuma emlonyeni kaYeremiya, onke amazwi kaYehova, awawathethayo kuye.
5 UYeremiya wamwisela uBharuki umthetho, esithi, Mna ndivalelwe, andinako ukuya endlwini kaYehova.
6 Yiya wena, uwalese encwadini esongwayo, leyo uyibhalileyo, ephuma emlonyeni wam, amazwi kaYehova, ezindlebeni zabantu endlwini kaYehova ngomhla wokuzila ukudla; uwalese nasezindlebeni zamaYuda onke, avela emizini yawo.
7 Mhlawumbi ukutarhuzisa kwabo kungáwa phambi koYehova, babuye elowo endleleni yakhe embi; ngokuba mkhulu umsindo nobushushu, abuthethileyo uYehova ngaba bantu.
8 Wenza ke uBharuki unyana kaNeriya njengako konke abemwisele umthetho uYeremiya umprofeti, wokuba awalese encwadini amazwi kaYehova endlwini kaYehova.
9 Kwathi ngomnyaka weshumi kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yesithoba, bamema uzilo lokudla phambi koYehova kubantu bonke baseYerusalem, nakubantu bonke ababevele emizini yakwaYuda, beza eYerusalem.
10 UBharuki wawalesa encwadini amazwi kaYeremiya endlwini kaYehova, egumbini likaGemariya unyana kaShafan, umbhali, entendelezweni ephezulu, ekungeneni kwesango elitsha lendlu kaYehova, ezindlebeni zabantu bonke.