12 waphuma uYeremiya eYerusalem, esiya ezweni lakwaBhenjamin, ukuba athabathe khona isahlulelo sakhe phakathi kwabantu.
13 Kwathi, esesangweni lakwaBhenjamin, ekhona nomphathi-balindi, ogama linguIriya unyana kaShelemiya, unyana kaHananiya, wambamba uYeremiya umprofeti, esithi, Ùphambela kumaKaledi.
14 Wathi uYeremiya, Ùyaxoka; andiphambeli kumaKaledi. Ke àkamphulaphula; uIriya wambamba uYeremiya, wamsa kubathetheli.
15 Abathetheli bamqumbela uYeremiya, bambetha, bamfaka endlwini yababanjwa, endlwini yombhali uYonatan; ngokuba babeyenze intolongo.
16 Xa uYeremiya ebengenile endlwini engumhadi, ezingontsini, wahlala khona uYeremiya imihla emininzi.
17 Uthe ke ukumkani uZedekiya wathumela, wamthabatha; ukumkani wambuza endlwini yakhe ngasese, wathi, Kukho lizwi na liphuma kuYehova? Wathi uYeremiya, Likho; wathi, Ùya kunikelwa esandleni sokumkani waseBhabheli.
18 Wathi uYeremiya kukumkani uZedekiya, Ndoné ngantoni na kuwe, nakubakhonzi bakho, nakwaba bantu, ukuba nindifake entolongweni nje?