17 Bádanduluka khona, bathi, UFaro ukumkani weYiputa utshabile; ulidlulisile ixesha elimisiweyo.
18-19 Ndihleli nje, utsho ukumkani, ogama lakhe linguYehova wemikhosi, ukuthi, Inene, úya kuza énjengeTabhore phakathi kweentaba, énjengeKarmele ngaselwandle. Zénzele iimpahla zemfuduka, mmi, ntombi iyiYiputa; ngokuba iNofu iya kuba linxuwa, itshiswe, ingabi nammi.
20 IYiputa lithokazi elihle kakhulu; isibawu sasentla siyeza, siyeza.
21 Kanjalo imikhosi yayo eqeshiweyo phakathi kwayo injengamathole asesitalini; inene, nayo leyo ijikile, iyasaba kunye, ayimi; ngokuba úyifikele umhla wokusindeka kwayo, ixesha lokuvelelwa kwayo.
22 Isandi sayo sinjengokuhamba kwenyoka; ngokuba bahamba ngobukroti, bayifìkele ngezixengxe njengabagawuli bemithi.
23 Bagawula ihlathi layo, utsho uYehova, nokuba lithe shinyi; ngokuba baninzi ngaphezu kweenkumbi, àbanakubalwa.
24 Intombi eyiYiputa ihlazekile, inikelwe esandleni sabantu belasentla.