4 ngenxa yemini eza kuwabhuqa onke amaFilisti, eza kunqumla eTire neTsidon bonke abasale banceda; ngokuba uYehova uyawabhuqa amaFilisti, amasalela onxweme lwaseKafetori.
5 Isezileni iGaza, itshabalele iAshkelon, amasalela entili yabo.
6 Kunini na uxicenta? Awu! Krele likaYehova, kunini na ungaphezi? Rhoxela esingxotyeni sakho; phumla, uthi cwaka.
7 Ùngathini na ukupheza, uYehova ekuwisele umthetho nje? EAshkelon naselunxwemeni lolwandle, apho úkuyalele.