21 Ihlabathi liyanyikima sisithonga sokuwa kwabo; isandi sokukhala kwabo sivakala eLwandle oluBomvu.*
22 Yabona, utshaba luyanyuka njengexhalanga, lutshwebeleza, luwolule amaphiko alo phezu kweBhotsera; intliziyo yamagorha ekwaEdom ngaloo mini iya kuba njengentliziyo yomfazi onenimba.
23 Ngokusingisele kwiDamasko:Ihlazekile iHamati neArpadi; ngokuba kuviwe iindaba ezimbi; bancamile; njengaselwandle, banesithukuthezi, abanako ukuzola.
24 IDamasko ithe dakumba, ijikile yasaba; ifikelwe kukothuka, ibanjwe yimbandezelo nayinimba njengozalayo.
25 Hayi, ukushiywa komzi wendumiso, umzi wemihlali yam!
26 Ngako oko aya kuwa amadodana ayo ezitratweni zawo, amadoda onke okulwa athi shwaka ngaloo mini; utsho uYehova wemikhosi.
27 Ndiya kuphemba umlilo eludongeni lweDamasko, udle iingxande ezinde zikaBhen-hadade.