26 Ngako oko aya kuwa amadodana ayo ezitratweni zawo, amadoda onke okulwa athi shwaka ngaloo mini; utsho uYehova wemikhosi.
27 Ndiya kuphemba umlilo eludongeni lweDamasko, udle iingxande ezinde zikaBhen-hadade.
28 Ngokusingisele kumaKedare, nakwizikumkani zaseHatsore, awazibulalayo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, utsho uYehova ukuthi:Sukani nime, nyukani niye kumaKedare, nibabhuqe abasempumalanga.
29 Iintente zabo nemihlambi yabo boyithabatha; namalengalenga abo, neempahla zabo zonke, neenkamela zabo, bozisusa zibe zezabo; bamemeze kubo, bathi, Kukunxunguphala ngeenxa zonke.
30 Sabani, balekani kakhulu, hlalani enkolontyweni, bemi baseHatsore, utsho uYehova; ngokuba uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli ecebe icebo ngani, wacinga ingcinga ngani.
31 Sukani nime, nyukani niye kuhlanga oluchulumachileyo, oluhleli lukholosile, utsho uYehova; uhlanga olungenazingcango namivalo, oluhleli lodwa.
32 Iinkamela zabo maziphangwe, ingxokolo yemfuyo yabo ibe ngamaxhoba, ndibachithachithe kwimimoya yonke onquthula-iinwele, ndibazisele ukusindeka, kuphuma kumacala onke; utsho uYehova.