34 Into eyafikayo kuYeremiya umprofeti, ililizwi likaYehova ngokusingisele kwelakwaElam ekuqaleni kobukumkani bukaZedekiya ukumkani wakwaYuda, yayisithi:
35 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ndiyasaphula isaphetha sakwaElam, intlahlela yobugorha babo;
36 ndiya kulizisela elakwaElam imimoya eminé ephuma eziphelweni eziné zezulu, ndibachithachithe kuloo mimoya yonke, kungabikho luhlanga bangayi kufika kulo abaziindlodlo zakwaElam.
37 Ndomqhiphukisa umbilini uElam phambi kweentshaba zakhe, naphambi kwabafuna imiphefumlo yabo; ndibazisele ububi, ukuvutha komsindo wam; utsho uYehova. Ndothuma emva kwabo ikrele, ndide ndibagqibe,
38 Ndiya kumisa itrone yam kwaElam, ndimtshabalalise khona ukumkani nabathetheli; utsho uYehova.
39 Kuya kuthi ke ekupheleni kwemihla, ndikubuyise ukuthinjwa kukaElam; utsho uYehova.