15 Dumani ngayo ngeenxa zonke; iziníkele; ziwile iingqoqo zayo, zidilikile iindonga zayo; ngokuba yimpindezelo kaYehova. Phindezelani kuyo; njengokwenza kwayo, yenzani kuyo.
16 Nqumlani umhlwayeli eBhabheli, nophethe irhengqa ngexesha lokuvuna. Ngenxa yekrele elidlavulayo elowo ubheka ebantwini bakowabo, elowo usabela ezweni lakowabo.
17 Úyigusha elusali uSirayeli; ubhejethwe ziingonyama. Ngukumkani waseAsiriya owaqala wamdla; ngoku, owokugqibela umqobi wamathambo akhe nguNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli.
18 Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiyamvelela ukumkani waseBhabheli nelizwe lakhe, njengoko ndamvelelayo ukumkani waseAsiriya.
19 Ndiya kumbuyisela uSirayeli ekriweni lakhe, adle eKarmele naseBhashan, uhluthe umphefumlo wakhe ezintabeni zakwaEfrayim nezaseGiliyadi.
20 Ngaloo mihla nangelo xesha, utsho uYehova, buya kufunwa ubugwenxa bukaSirayeli, bungabikho; nezono zikaYuda zingafumaneki; ngokuba ndiya kubaxolela endibasalisileyo.
21 Ilizwe lakwaNkani-ziphindwe-kabini, nyuka uye kulo kanye, kubemi belakwaKohlwaywa; bharhisa usingele phantsi emva kwabo, utsho uYehova; wenze ngako konke endakuwisela umthetho ngako.