40 Njengoko wayibhukuqayo uThixo iSodom neGomora, nemimelwane yayo, utsho uYehova, akuyi kuhlala bani khona, akuyi kuphambukela nyana womntu khona.
41 Yabonani, kuza abantu, bevela entla, uhlanga ke olukhulu; nookumkani abaninzi bayaxhoxhwa, bevela eziphelweni zehlabathi.
42 Baphethe isaphetha nenkcula, bazizijorha, àbanamfesane; ilizwi labo liguguma njengolwandle, bakhwéle emahasheni, bekuxhobele njengendoda yokulwa, ntombi iyiBhabheli.
43 Úvé iindaba zabo ukumkani waseBhabheli, zasuka zawa izandla zakhe; imbandezelo imbambile, uyazibhijabhija njengozalayo.
44 Yabonani, utshaba luya kunyuka njengengonyama, luphume ekweneni kweYordan, luye ekhayeni eliyingxondorha; ngokuba ndiya kumgxotha ngephanyazo kulo, osukuba enyulwe, ndimenzele umveleli walo; ngokuba ngubani na onjengam? ngubani na oya kundimema? ngubani na loo malusi uya kuma phambi kwam?
45 Ngako oko, liveni icebo likaYehova, alicebileyo ngeBhabheli, neengcinga zakhe, azicingileyo ngelizwe lamaKaledi; esithi, Inene, baya kuzikrwiqiliza ezincinane zomhlambi; inene, liya kumangaliswa zizo ikriwa lazo.
46 Ngenxa yelizwi elithi, Ibanjiwe iBhabheli, liyanyikima ihlabathi; kuvakala isikhalo ezintlangeni.