7 Bonke ababafumanáyo babadla; ababandezeli babo bathi, Asinatyala, ngethuba lokuba bonile kuYehova, ikriwa lobulungisa, ithemba loyise, uYehova.
8 Balekani, niphume phakathi kweBhabheli; mabaphume ezweni lamaKaledi, babe njengeenkunzi zeebhokhwe ezikhokela umhlambi.
9 Ngokuba, yabonani, ndixhoxha, ndinyuse, ndise eBhabheli isikhungu seentlanga ezinkulu, ziphuma ezweni lasentla, ziyakhéle uluhlu. Iya kuthinjwa apho, iintolo zaso zibe njengezegorha eliligcisa, elingabuyi lilambatha.
10 Loba lixhoba elamaKaledi; bonke abalithimbayo baya kuhlútha; utsho uYehova.
11 Nàkuba nivuya njalo, nàkuba nidlamkile, baphangi belifa lam, nàkuba nidloba njengethokazi elibhulayo, nilila njengeembalasane zamahashe:
12 úya kudana kakhulu unyoko; úya kuba neentloni onizalayo. Yabonani, olokugqibela ezintlangeni luya kuba yintlango, umqwebedu, inkqantosi.
13 Ngenxa yoburhalarhume bukaYehova ayisayi kumiwa; kuya kuba senkangala kuyo yonke iphela. Bonke abadlulayo eBhabheli baya kumangaliswa, benze umsondlo ngenxa yokubethwa kwayo konke.