27 Phakamisani ibhanile elizweni, vuthelani isigodlo ezintlangeni; zingcwaliseni iintlanga kuyo, zihlabeleni umkhosi, zize kuyo izikumkani zeArarati neMini neAshkenazi; yalelani kuyo abathetheli; nyusani amahashe, eze njengeenkumbi ezinqunquthayo, ezibetha ube namanwele.
28 Zingcwaliseni iintlanga kuyo, ookumkani bamaMedi, namabamba awo, neerhuluneli zawo zonke, nelizwe lonke lolawulo lwawo.
29 Ihlabathi liyanyikima, liyazibhijabhija; ngokuba zenzeka kwiBhabheli iingcinga zikaYehova, zokulenza ilizwe leBhabheli kube senkangala, lingàmiwa.
30 Amagorha aseBhabheli ayekile ukulwa, ahleli ezimboniselweni; ubugorha bawo buthe qoko, asuka aba ngabafazi. Iminquba yayo ifakwe isikhuni, yaphukile imivalo yayo.
31 Isigidimi siyagidima, siqubisana nesigidimi; umbiki uqubisana nombiki, abike kukumkani waseBhabheli ukuba umzi wakhe uthinjwe kwaphela.
32 Amazibuko avingciwe, amadike atshé ngumlilo, amadoda okulwa akhwankqisiwe.
33 Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Intombi eyiBhabheli injengesandá ngexesha lokugangathwa kwaso; kusaya kuba ngumzuzwana, lifike ixesha lokuvuna kuyo.