6 Ngosuku lwesithoba lwenyanga yesiné, yaqina indlala phakathi komzi, ababa nasonka abantu belizwe.
7 Wagqojozwa umzi; asaba onke amadoda okulwa, aphuma phakathi komzi ebusuku ngendlela yesango eliphakathi kweendonga zombini, elisemyezweni wokumkani (aye ke amaKaledi ewujikelezile umzi); ahamba ngendlela yaseArabha.
8 Impi yamaKaledi yamsukela ukumkani, yamfumana uZedekiya ezinkqantosini zaseYeriko; yonke impi yakhe yamphalala, yemka kuye.
9 Ambamba ukumkani, anyuka naye, amsa kukumkani waseBhabheli eRibhela ezweni leHamati; wawathetha apho amatyala akhe.
10 Ukumkani waseBhabheli wabasikela oonyana bakaZedekiya emehlweni akhe; nabathetheli bonke bakwaYuda wabasikela eRibhela.
11 Wamtyhaphaza amehlo uZedekiya, wamkhonkxa ngamakhamandela obhedu; ukumkani waseBhabheli wamsa eBhabheli, wamfaka entolongweni kwada kwayimini yokufa kwakhe.
12 Ngenyanga yesihlanu, ngosuku lweshumi enyangeni leyo (lo mnyaka ke ngoweshumi elineminyaka esithoba kakumkani uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli), wangena eYerusalem uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, owema phambi kokumkani waseBhabheli.