21 Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yongezani amadini enu anyukayo emibingelelweni yenu, nidle inyama.
22 Ngokuba andithethanga nooyihlo, andibawiselanga methetho ngeendawo zamadini anyukayo nemibingelelo, mini ndabakhuphayo ezweni lamaYiputa;
23 ke ndabamisela eli lizwi lokuthi, Phulaphulani ilizwi lam: ndoba nguThixo wenu, nibe ngabantu bam, nihambe ngendlela yonke endinimiselayo, ukuze kulunge kuni.
24 Ke abaphulaphulanga, abayithobanga indlebe yabo; báhamba ngamaqhinga, ngobungqola bentliziyo yabo embi, bandinikela umhlana, ayaba bubuso.
25 Kususela kwalaa mini baphuma ngayo ooyihlo ezweni lamaYiputa unanamhla, ndábathumela kuni bonke abakhonzi bam, abaprofeti, ndibathuma imihla ngemihla kwakusasa;
26 ke àbaphulaphula kum, àbayithoba indlebe yabo; bayenza lukhuni intamo yabo, benza okubi kunooyise.
27 Ke ùya kuwathetha kubo la mazwi onke, abayi kukuphulaphula; umemeza kubo, abayi kusabela.