5 Bahlangana ke, benyuka ookumkani abo bama-Amori bobahlanu, ukumkani waseYerusalem, nokumkani waseHebron, nokumkani waseYarmuti, nokumkani waseLakishe, nokumkani wase-Eglon, bona nemikhosi yabo yonke, bayingqinga iGibheyon, balwa nayo.
6 Athumela ke amadoda aseGibheyon kuYoshuwa emkhosini eGiligali, esithi, Musa ukusiyekelela isandla sakho kubakhonzi bakho; nyuka uze kúthi ngokukhawuleza, usisindise, usincede; ngokuba bebuthelene phezu kwethu bonke ookumkani bama-Amori abemiyo ezintabeni.
7 Wenyuka ke uYoshuwa, esuka eGiligali, yena nabantu bonke bokulwa bendawonye naye, namagorha onke anobukroti.
8 Wathi uYehova kuYoshuwa, Musa ukuboyika; kuba ndibanikele esandleni sakho; akuyi kuma ndoda kubo phambi kwakho.
9 Wafika uYoshuwa kubo ngebhaqo; wenyuka bonke ubusuku, evela eGiligali.
10 UYehova wabadubaduba phambi kwamaSirayeli, ababulala ngobulawo olukhulu eGibheyon; abasukela ngendlela enyuka iye eBhete-horon, ababulala kwada kwesa eAzeka, kwada kwesa naseMakeda.
11 Kwathi, ekusabeni kwabo phambi kwamaSirayeli, besethambekeni laseBhete-horon, uYehova wabathobela amatye amakhulu ezulwini, kwada kwesa eAzeka, bafa. Babaninzi abafa ngamatye esichotho, kunababulawáyo ngoonyana bakaSirayeli ngekrele.