9 wabanikela esandleni sabantu baseGibheyon. Bona baya kubaxhoma entabeni ngaphambi koNdikhoyo. Bafa bonke ngaxesha-nye. Ukufa kwabo kwakungexesha lokuqalisa ukuvuna, ekuqaleni kokuvunwa kwerhasi.
10 Emva koko uRizpa intombi ka-Aya wazenzela indlu yamarhonya kwelo litye babefele kulo, wahlala apho ukususela ngexesha lokuvuna kwada kwalixesha leemvula. Emini wayedla ngokugxotha amaxhalanga, aze ngokuhlwa agxothe amarhamncwa afuna ukudla ezo zidumbu.
11 Wathi uDavide, zakufika kuye ezo ndaba zento eyenziwa nguRizpa iqadi likaSawule,
12 waya kuthatha amathambo kaSawule noJonatan kubantu baseJabheshe eGiliyadi. (Babewabe endaweni yembutho yaseBhete-shan apho yayixhonywe khona imizimba yabo ngamhla amaFilistiya abulala uSawule kwintaba iGilibhowa.)
13 Wemka nawo uDavide amathambo kaSawule noJonatan kwakunye nawabo basixhenxe babexhonywe apho.
14 Bawafaka engcwabeni likaKishe uyise kaSawule amathambo kaSawule noJonatan eZela kummandla wakwaBhenjamin njengokomthetho kakumkani. Emva koko uThixo wayiva imithandazo yabo bethandazela ilizwe.
15 Kwavuka enye imfazwe phakathi kwamaFilistiya namaSirayeli, wanduluka uDavide waya kulwa namaFilistiya enamadoda akhe. Balwa ke namaFilistiya, waza uDavide wadinwa kakhulu.