1 Ke kaloku uSolomon unyana kaDavide wazinza embusweni wakhe, kuba *uNdikhoyo uThixo wakhe wayengakuye, waza wamphakamisa kakhulu.
2 Ke uSolomon wathetha noSirayeli ewonke, iingqwayi-ngqwayi zamabutho aliwaka nalikhulu, abagwebi, nawo onke amadoda aphambili kwaSirayeli kunye neenkulu zezindlu.
3 Yena uSolomon nebandla lonke baya endaweni ephakamileyo yonqulo eGibheyon, kuba kaloku yayilapho intente *yesibingelelo yokuhlangana noThixo, leyo yayenziwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo entlango.
4 Kaloku yena uDavide wayeyithathile ityesi kaThixo eKiriyati-yarim waya nayo kuloo ndawo wayeyilungiselele yona, njengoko wayeyimisele intente eJerusalem.