1 UAbhiya ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa kwisixeko sikaDavide. UAsa unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe. Ngemihla yakhe ilizwe lazola iminyaka yalishumi.
2 UAsa yena wênza okulungileyo emehlweni kaNdikhoyo uThixo wakhe.
3 Wazitshabalalisa iindawo eziphakamileyo zonqulo ndawonye namaqonga asemzini; wawacumza amatye anqulwayo, wazigawula iintsika zika-Ashera.
4 UJuda wamyalela ukuba alandele uNdikhoyo uThixo wooyise, ayithobele imithetho nemiyalelo yakhe.
5 Wazitshitshisa iindawo eziphakamileyo zonqulo namaqonga eziqhumiso kuzo zonke iidolophu zakwaJuda, laza ke ilizwe laxhamla inzolo ngexesha lakhe.
6 Ngelo thuba lenzolo ke wazihlaziya wazakha izixeko ezinqatyisiweyo zelakwaJuda. UNdikhoyo ke wamthi jize ngenzolo nokuphumla, akwabakho sizwe silwa naye ngaloo minyaka.
7 Wathetha noJuda wathi: “Masizomeleze ezi dolophu, sizibiyele zibe neenqaba namasango nemivalo. Lo mhlaba ngowethu, kuba simfunile uNdikhoyo uThixo wethu; ewe, simzondelele ukumfuna, waza ke wasinika ukuphumla macal' onke.” Ngoko ke bakha, baza banenkqubela.