6 Isizwe sasitshatyalaliswa sesinye, isixeko sibhuqwa sesinye, kuba uThixo wayebaphithizelisa ngeendidi zonke zeenkxwaleko.
7 Kambe ke nina yomelelani ninganikezeli, kuba umsebenzi wenu woba nomvuzo.”
8 Suka ke uAsa wakhuthazeka akuyiva intshumayelo yomshumayeli unyana kaOdede. Wayitshitshisa imifanekiso engamasikizi kuwo wonke umhlaba wakwaJuda nowakwaBhenjamin, nakwiidolophu awazithimba kweleentaba lakwaEfrayim. Walilungisa iqonga likaNdikhoyo elaliphambi kwevaranda yendlu kaNdikhoyo.
9 Waza ke wamqokelela wonke uJuda noBhenjamin kwakunye namaEfrayim, amaManase, namaSimon awayeze kuma phakathi kwabo; kaloku into eninzi kubo yayimshiyile uSirayeli, yeza kuAsa, yakuqonda ukuba uNdikhoyo uThixo wakhe ungakuye.
10 Ewe, bahlanganisana eJerusalem ngenyanga yesithathu kunyaka weshumi elinesihlanu wolawulo luka-Asa.
11 Ngelo thuba ke benzela uNdikhoyo amadini ngamakhulu asixhenxe eenkomo namawaka asixhenxe eegusha neebhokhwe; mfuyo leyo ke yayingamaxhoba ababuya nawo.
12 Bazibophelela kumnqophiso wokufuna uNdikhoyo uThixo wooyise ngomxhelo wabo wonke nangomphefumlo wonke.