10 Ke uZedekiya, unyana kaKenana, wayenze iimpondo ngentsimbi, waza ke wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ngezi mpondo ùya kuwahlaba uwatshabalalise ama-Aram.’ ”
11 Nabanye ke abashumayeli bashumayela kwaloo nto, besithi: “Phakathi! Yihlasele iRamoti yaseGiliyadi. Uza kuyoyisa, kuba uNdikhoyo uyinikele esandleni sikakumkani.”
12 Ke isigidimi esasiphuthume uMika sathi kuye: “Uyabona ke, abanye abashumayeli batsho ngazwi-nye kukumkani ukuthi uza kuphumelela. Nawe ke uze ungaphikisani nabo, koko uthethe okuhle.”
13 UMika ke yena wathi: “Ekho nje uNdikhoyo, ndiza kuthetha kuphela loo nto andixelela yona uThixo wam!”
14 Akuba efikile ke, ukumkani wathi kuye: “Mika, singaya kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, okanye ndirhoxe?”UMika wathi: “Phakathi! Yihlasele; uya kuyoyisa, kuba baza kunikelwa esandleni senu!”
15 Ukumkani wathi kuye: “Koda kube kangaphi ndikufungisa ndisithi musa ukundixelela nto yimbi ngaphandle kwenyaniso egameni likaNdikhoyo?”
16 UMika wathi: “Ewe, uSirayeli ndimbone ethe saa ezintabeni, engathi ziigusha ezingenamalusi; waza uNdikhoyo wathi: ‘Aba bantu abanankosi, ngoko ke elowo nalowo makagoduke ngoxolo.’ ”