27 Ke uMika wathi: “Ukuba ngaba ungabuya uphilile, woba uNdikhoyo engathethanga ngomlomo wam.” Waza ke wongezelela ngelithi: “Wagqaleni la mazwi xa ninonke, bantundini!”
28 Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli noYoshafati ukumkani wakwaJuda benyuka baya eRamoti yaseGiliyadi.
29 Ukumkani wakwaSirayeli wathetha noYoshafati, wathi: “Mna ndiza kungena kweli dabi ndinxibe ngendlela eya kundenza ndingaqondakali ukuba ndingukumkani, kodwa ke wena nxiba ezobukhosi.” Ke ukumkani wakwaSirayeli wazenza mntu wumbi, waza ke waya apho edabini.
30 Ke ukumkani wama-Aram waziyalela iingqwayi-ngqwayi zeenqwelo zakhe wathi: “Ze ningalwi naye nawuphi na omnye umntu, nokuba ngomncinci, nokuba ngomkhulu, yilwani nokumkani wakwaSirayeli yedwa.”
31 Zithe ke iingqwayi-ngqwayi zeenqwelo zakubona uYoshafati, zacinga zathi: “Nguye lo ukumkani wakwaSirayeli.” Ngoko ke zaphethuka zafunzela kuye, kodwa uYoshafati wasuka wakhala, waza ke uNdikhoyo wamhlangula. Ewe, uThixo wenza ukuba zirhoxe zimke ngakuye;
32 kaloku zathi iingqwayi-ngqwayi ezo zakuqonda ukuba akanguye ukumkani wakwaSirayeli, zayeka ukumsukela.
33 Kambe ke joni lithile lasuka lajolisa nje ngokungakhathali ngotolo, suka lachana ukumkani wakwaSirayeli, utolo lwangena ekudibaneni kwezikhuselo awayezinxibile. Ukumkani wathetha nomqhubi wenqwelo yakhe, wathi: “Bandingxwelerhile; yijike inqwelo, siphume edabini.”