1 Ke kaloku uYoshafati ukumkani wakwaJuda wabuyela ebhotwe eJerusalem esindile,
2 waza ke wahlangatyezwa yimboni uYehu unyana kaHanani, wathi kukumkani: “Ngaba kulungile ukuba usize isikhohlakali, ubathande abo bamthiyileyo *uNdikhoyo? Ngenxa yesi senzo ke ingqumbo kaNdikhoyo iphezu kwakho.
3 Kambe ke kukho le ndawana ikuthethelelayo, le yokuba wazisusa iintsika zika-Ashera kweli lizwe, waza wena wazimisela ukufunana noThixo.”
4 UYoshafati wahlala eJerusalem, wabuya wahamba-hamba phakathi kwabantu, athi eseBheshebha, abe ekweleentaba zakwaEfrayim. Abantu wababuyisela *kuNdikhoyo uThixo wooyise.
5 Wamisela abagwebi kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaJuda.
6 Wathi kubo: “Zigqaleni ngenyameko izinto enizenzayo. Kaloku ezo zigqibo nizenzayo anizenzeli abantu, koko nizenza egameni likaNdikhoyo. Yena ke uhlala enani nanini na nisiwisa isigwebo.
7 Ngoko ke mhloneleni uNdikhoyo. Ze nigwebe ngenyameko, kuba yena uNdikhoyo uThixo wethu akayenzi into engekho mthethweni; akanagobe, yaye ke akanyobeki.”