15 Wathi: “Phulaphulani, kumkani uYoshafati nani bemi bakwaJuda naseJerusalem. UNdikhoyo uthi kuni: ‘Sanukoyika; ze ningatyhafi ngenxa yale nyambalala yomkhosi. Kaloku imfazwe le asiyoyenu, yekaThixo.
16 Ngomso phumani niye kubo. Ke bona boba beqabela kwinkalo yaseZizi; nina nobafumana ekupheleni kwengxingwa kwintlango kaJeruweli.
17 Asinini abaya kulilwa eli dabi. Yimani ngeendawo zenu, niqingqe nje, nibukele uNdikhoyo enihlangula, ndlundini kaJuda nani bemi baseJerusalem. Ze ningoyiki okanye nityhafe. Ngomso phumani nijongane nabo, uNdikhoyo uya kuba nani.’ ”
18 UYoshafati waguqa, ubuso ebujongise emhlabeni, nabantu bakwaJuda nabaseJerusalem bawa phantsi, banqula uNdikhoyo.
19 Ke abaLevi abathile, abangamaKohati namaKora, basuka bema ngeenyawo badanduluka kanobom bebonga bedumisa uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
20 Bavuka kusasa ngengomso, baphuma bajonga kwintlango yaseTekowa. Xa baphumayo ke uYoshafati wema wathi: “Ndiphulaphuleni, maJuda nani bemi baseJerusalem! Kholosani ngoNdikhoyo uThixo wenu, yaye ke yena uya kunixhasa. Ukuba niyabathemba abashumayeli bakhe niya kuphumelela.”
21 Akuba ethetha-thethene nabantu uYoshafati wamisela iimvumi zokuculela uNdikhoyo, ukuze zimbonge ngenxa yobunewu-newu bobungcwele bakhe. Zawukhokela ke umkhosi lowo, zimemelela zisithi:“Bulelani kuNdikhoyo,kuba izibele zakhe zimi ngonaphakade.”