19 Ke abaLevi abathile, abangamaKohati namaKora, basuka bema ngeenyawo badanduluka kanobom bebonga bedumisa uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
20 Bavuka kusasa ngengomso, baphuma bajonga kwintlango yaseTekowa. Xa baphumayo ke uYoshafati wema wathi: “Ndiphulaphuleni, maJuda nani bemi baseJerusalem! Kholosani ngoNdikhoyo uThixo wenu, yaye ke yena uya kunixhasa. Ukuba niyabathemba abashumayeli bakhe niya kuphumelela.”
21 Akuba ethetha-thethene nabantu uYoshafati wamisela iimvumi zokuculela uNdikhoyo, ukuze zimbonge ngenxa yobunewu-newu bobungcwele bakhe. Zawukhokela ke umkhosi lowo, zimemelela zisithi:“Bulelani kuNdikhoyo,kuba izibele zakhe zimi ngonaphakade.”
22 Bathe bakucula bedumisa, suka uNdikhoyo wawurhwaqelisa umkhosi wama-Amon namaMowabhi, nâbo bentaba iSeyire ababehlasela uJuda; kubo yaba ngathi bangqingiwe, baza ke boyiswa.
23 Kaloku ama-Amon namaMowabhi asuka avukelana namadoda entaba iSeyire, awangenela awatshabalalisa. Akuba ewagwintile amadoda aseSeyire, ajika abulalana kwaodwa.
24 Athe ke amaJuda akufika kwindawo evelele intlango leyo, akuwujonga loo mkhosi mkhulu kunene, kuphela abona izidumbu zithe gangalala emhlabeni, kungekho nomnye osindileyo.
25 Ngoko ke uYoshafati namadoda akhe basuka bachola-chola amaxhoba: impahla eyayikwezo zidumbu, nezinye izinto ezixabisekileyo – intabalala ababengenako ukuyiphatha yonke. Amaxhoba lawo ayemaninzi kangangokuba bathatha iintsuku ezintathu ukuwaqokelela.